Ndiyakholwa lyrics
[In Xhosa]
Ndiyakholwa kuThixo uYise
Onamandla onke
Umdali wezulu nomhlaba
NakuYesu Kristu
uNyana wakhe emnye
inKosi yethu
Owakhawula ngoMoya, oyiNgcwele
Wazalwa yintombi uMariya
Weva ubunzima phantsi koPontyusi Pilati
Wabethelelwa emnqamlezweni
Wafa wangcwatywa
Wehlela ehadesi
Uthe ngomhla wesithathu wabuya wavuka ekufeni
Wenyuka waya ezulwini
Apho ahleli khona ngasekunene koThixo
uYise onamandla onke
Woda avele khona aze kugweba
Ndiya kholwa kuMoya oyiNgcwele
Nayi rhamente engcwele ekulo lonke ilizwe
Nabubudlelwane babangcwele
Nakukuxolelwa kwe ezono
Nakukuvuka komzimba ekufeni
Nabubomi obungunaphakade, Amen
Nakukuvuka komzimba ekufeni
Nabubomi obungunaphakade, Amen
Song by Kholeka
0 Comments